Umasipala wesithili iOR Tambo eMpuma Koloni uthi udibanise igqiza lamacandelo ngamacandelo azakuqinisekisa ukuba zonke iinkonzo ezifunekayo ziyafumaneka kumalwandle angamashumi amabini anesixhenxe.
Oku kwenzeka njengoko iphondo lilungiselela ukwamkela iindwendwe kwixesha leziyunguma.
Eli qela liquka abathathi-nxaxheba abohlukeneyo abaquka isebe loPhuhliso lweNtlalo neZothutho, amapolisa noomasipala.
Usodolophu womasipala wesithili saseOR Tambo, uMesuli Ngqondwana uthi, “Sizamile ukukhulisa umdlalo wethu ngokumalunga nabalindi bethu. Singumasipala, siqeshe amagosa ongezelelekileyo angama-39 ukuze siqinisekise ukuba asiqhwaleli ngokumalunga nokubasa kwiindawo zethu.”
“Kodwa sikwanobudlelwane obuluqilima bokusebenza namapolisa ekwazimisele ukuba yinxalenye yeqela kuzo zonke iilwandle zethu. Uphuhliso lwentlalontle luza kujongana nokuthatha uxanduva kumaqela akhethekileyo abantu abafana nabantwana njalo njalo. Ukuqinisekisa ukuba bayaphawulwa kwaye bakuba befunyanwe benqwenela banokubuyelana nabazali babo,” ucacise watsho uNgqondwana.
