Home Iindaba Kubhubhe abakhwetha abathathu eLimpopo.

Kubhubhe abakhwetha abathathu eLimpopo.

ILimpopo nayo ifikelwe sisehlo sokubhubha kwabakhwetha.

Bathathu abakhwetha abathe babhubha kwizikolo zolwaluko eLimpopo ukusukela oko kuqale ixesha lokwaluka lasebusika.

Ngokweenkcukacha, umkhwetha ubhubhele kwisikolo esikwilali yaseGa-Wale kwingingqi yaseBolobedu ngaphandle jnje kwaseTzaneen.

Abanye ababini babhubhe kwisikolo sokwaluka eGa-Raphahlelo kwingingqi yaseSekgosese.

Amapolisa kunye neziphathamandla zemveli azikaphenduli.

Kusenjalo, indoda enamashumi amathathu anesihlanu eminyaka ubudala ibhubhe izolo emva kokubethwa kungquzulwano phakathi kweqela labaphathi bezikolo zolwaluko kunye nabahlali kwilali i-Itereleng eSekgosese, eLimpopo.

By Anita Qubula.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks