Home Iindaba Kubhubhe abantu aba-5 kwingozi eyenzeke ku-N2 eMooiplaas

Kubhubhe abantu aba-5 kwingozi eyenzeke ku-N2 eMooiplaas

UHLAZIYO LWEENDABA

ISebe lezoThutho laseMpuma Koloni lithi lingaqinisekisa ukuba abantu abahlanu (5) balahlekelwe bubomi babo, ngelixa umntu omnye efumene ukwenzakala okunzulu, emva kwengozi ebandakanya iVolkswagen Polo kunye neRenault ku-N2 kufutshane neMooiplaas, ngaphandle nje kweSixeko saseKuGompo.
Lo mntu ulimale uphuthunyiswe esibhedlele kwiSixeko saKuGompo.

IRenault itshiswe ngumlilo, nto leyo ebangele ukuba umqhubi—ekukholeleka ukuba ngutitshala kwiSikolo samaBanga aPhantsi saseQumrha etshe ngumlilo ngendlela engaqondakaliyo.
Abane (4) kwabahlanu (5) ababekhwele kwiVolkswagen Polo, kuquka indoda enye kunye nabasetyhini abathathu, nabo basweleke kwingozi.
Ingozi yenzeke malunga nentsimbi yesixhenxe (7) kusasa ngoLwesibiniumhlawamashumiamabini anesibhozo(28) kweyeKhala.

Uhola wendlela u-N2 usavaliwe ngokupheleleyo kwiindlela njengoko amaqela okuhlangula, ukuhlaziya kunye nophando lweengozi eqhubeka nomsebenzi wawo kwindawo yesiganeko. Abaqhubi beenqwelo-mafutha bayacelwa ukuba bayiphephe le ndawo kwaye basebenzise ezinye iindlela apho kunokwenzeka khona.

ISebe lidlulisela amazwi ovelwano kwiintsapho ezibhujelweyo kunye nabantu abathandekayo bamaxhoba kwaye linqwenelela osindileyo onzakeleyo ukuphiliswa ngokukhawuleza.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks