13.7 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

Kubhubhe abantu ababini kwingozi yemoto eMpuma Koloni

Kubhubhe abantu ababini konzakala abanye abasibhozo kwingozi yemoto enye eyenzeke kweliphondo leMpuma Koloni ngobusuku bangoLwesihlanu.

ISebe lezoThutho ePhondweni lithi le ngozi yenzeke kwindlela emanzi kuhola wendlela uN2 EmaXesibeni (eyayifudula ikwiMount Ayliff) kwicala laseKokstad.

Isithethi salo sesebe lezothutho kwiphondo leMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi umqhubi weveni ye-Isuzu uphulukene nolawulo lwemoto yakhe yabhukuqa.

Uthe bebelishumi elinesihlanu abantu ebebekhwele ngasemva kwisithuthi kwaye abantu ababini bawe ngasemva babhubhela kwindawo yexhwayelo.

Abantu abasixhenxe bonzakele ngokumasikizi ngelixa abanye abasixhenxe befumene umonzakalo ongephi. Bonke abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele sephondo ukuze bafumane unyango.

UBinqose uthi ityala lokubulala ngokungenanjongo liphandwa ngamapolisa EmaXesibeni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13.7 ° C
13.7 °
13.7 °
68 %
5.8kmh
93 %
Fri
13 °
Sat
32 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks