Abantu abahlanu (5) baphulukene nobomi babo, ngelixa abanye abathathu (3) benzakele emva kokuba imoto enye iphulukene nolawulo yaza yabhukuqa kwindlela i-N10 phakathi kweMiddelburg neNxuba kwiSithili saseChris Hani.
Ingozi yenzeke malunga nenomkhono phambi kwentsimbi yesithandathu (17:45) malanga ngoMvulo, umhla wesine 04 kuCanzibe. Imoto, ebisuka eXesi isiya eNxuba, ibithwele abantu abasibhozo, kuquka nomqhubi. Iingxelo zokuqala zibonisa ukuba imoto ibigcwele kakhulu.
Kutyholwa ukuba umqhubi uphulukene nolawulo lwemoto, nto leyo eyabangela ingozi. Abantu abahlanu (5) ababekhwele, amadoda amathathu (3) amadala kunye nabasetyhini ababini (2) abadala babhengezwe njengabaswelekileyo kwindawo yengozi. Umqhubi uphakathi kwabaswelekileyo.
Abakhweli abathathu (3) abonzakeleyo bathuthelwe kwiSibhedlele sePhondo saseMiddelburg ukuze bafumane unyango olongezelelweyo. Unobangela ochanekileyo wengozi usaphandwa, kunye namagunya eSebe lezoThutho lePhondo neleSizwe enza inxalenye yenkqubo yophando.
*Esi siganeko samva nje sibeka inani labantu ababhubhe ezindleleni eMpuma Koloni kwishumi elinesibini (12) kwixesha leeyure ezilishumi elinesibini (12), emva kwengozi yangaphambili ebandakanya iteksi nebhasi eKariega eyabulala abantu abasixhenxe.*
Ityala lokubulala ngokungeyomfuneko livuliwe kwinkonzo yesipolisa yaseXesi ukuze kuphandwe ngakumbi.
