21.2 C
King William's Town
Tuesday, April 2, 2024

Kubhubhe abantu abane kwingozi ezahlukeneyo zemoto kweliphondo

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi ngabantu abane abaphulukene nobomi babo kwiingozi ezimbini ezahlukeneyo ngentseni yangeCawe.

Isithethi sesebe, u-Unathi Binqose, uthi kubhubhe abantu ababini ngethuba umqhubi ephulukene nolawulo lwemoto yakhe kuhola wendlela uN2 phakathi kweGqeberha neHumansdorp.

Uthi le ngozi yenzeke ngezithuba zentsimbi yesi-06H40 ngethuba kubhukuqa isithuthi ebesikhwele abantu abathathu.

UBinqose uthi abakhweli ababini babhubhele kwindawo yexhwayelo, logama umqhubi yena ufumene umonzakalo omandla waze wasiwa kwisibhedlele saseCuyler ukuze axilongwe ngakumbi ngugqirha.

Uthe kwenye ingozi, malunga nentsimbi yesine ekuseni ngeCawe, iveni ebinabantu abasixhenxe iphulukene nolawulo yaza yabhukuqa kwindlela u-T12 eMaluti kwindawo yaseKhoapa.

Abakhweli ababini, indoda kunye nebhinqa babhubhe kwindawo yesiganeko ngelixa abantu abahlanu abonzakeleyo, kuquka nomqhubi, basiwa kwisibhedlele saseTaylor Bequest.

“Kutyholwa ukuba ukuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala ngoyena nobangela,” utshilo.

UBinqose uthe amapolisa aphanda amatyala okubulala ngokungenhloso athe avulwa emapoliseni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
29 %
6.2kmh
30 %
Tue
23 °
Wed
26 °
Thu
32 °
Fri
18 °
Sat
14 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks