Home Iindaba KUBHUBHE ABANTU ABATHATHU KWISIGANEKO SODUBULWANO KUTSOLO.

KUBHUBHE ABANTU ABATHATHU KWISIGANEKO SODUBULWANO KUTSOLO.

Kubhbhe abantu abathathu abaswelekileyo kwisiganeko sodubulwano kwilali iMcetyana kuTsolo kweliphondo leMpuma Koloni ngomgqibelo.

Ngabantu abathathu abaswelekileyo kwisiganeko sodubulwano kwilali iMcetyana kuTsolo kweliphondo leMpuma Koloni ngomgqibelo. Ingxelo zithi amadoda amane ebexhobe efamacala aye ahlasela umhlali walelali okwazileyo ukubaleka ze wahlaba umkhosi baphuma abahlali beyokumnceda. Kuye kwadutyulwana ze kwasweleka esi sithathu nebesiyinxalenye yalemigewu ibiyohlasela.

Abo baziboneleyo ngamehlo bathi elizulu lezandla lithathe iiyure ezintathu kukhala umbayi-mbayi, kanti abahlali beelali ezingqongileyo baphume ngobuninzi babarhangqa abo bebeyohlasela. Umntu ebeyokuhlaselwa ngalamadoda ebe semasimini ngethuba lesi senzo.

Ixhoba igama lalo elinkonyiweyo lithi kokwesihlanu lihlaselwa ukususela ngo2016, kanti kwiziganeko ezimbini zangaphambili wafumana umonzakalo ongephi ekwakholelwa ukuba oluhlaselo lunento yokwenza nokubiwa kwemfuyo. Uthi uphila ubomi bokungcungcutheka kuba usoloko esendaweni enye ngokoyikisela ubomi bakhe. Uqhuba athi noxa kunjalo kodwa akayichani kakuhle lento noba yinto edibene nemfuyo okanye aba bantu bafuna imfuyo noba bafuna ntoni kodwa keyena ungumntu onemfuyo.

Ukubiwa kwemfuyo yinto exhaphakileyo kakhulu kwiilali ezikuMasipala waseMhlontlo nodibanisa iidolophu ezimbini uQumbu noTsolo, abahlali bathi iya iqatsela ngakumbi lengxaki, kwaye iinkokheli zasekuhlaleni zihlaba ikhwelo kurhulumente uba angenelele bekwabongoza amapolisa uba axhaphake ngakumbi kwezilali zijongene nokubiwa kwemfuyo.

Inkosi yasekuhlaleni yona imemelela umanyano nentsebenziswano ekuhlaleni ekulweni umkhwa wokwebiwa kwemfuyo. Umntu omnye ekukholeleka uba ebengowesine yena uye wabanjwa, kanti amapolisa ayaphanda nhesi siganeko.

Nosihle Mvundleni.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks