Home Iindaba Kubhubhe abantu abathathu ngengozi yemoto kwindlela yaseGcuwa.

Kubhubhe abantu abathathu ngengozi yemoto kwindlela yaseGcuwa.

Abantu abathathu (3) baphulukene nemiphefumlo yabo ngelixa ababini (2) bonzakele ngokumasikizi kwingozi yemoto, eGcuwa.

Abantu abathathu (3) baphulukene nemiphefumlo yabo ngelixa ababini (2) bonzakele ngokumasikizi, emva kokuba imoto enye iphulukene nolawulo yaza yabhukuqa kwindlela u-N2 eGcuwa ngakwiYunivesithi yaseWalter Sisulu ngentseni yanamhlanje malunga nentsimbi yesithathu ekuseni (03H00) ixesha.

Imoto, eluhlobo lweVW Polo ebinamadoda amaHlanu (5) kukholelwa ukuba ibisuka kwicala laseGcuwa, apho kukholelwa ukuba umqhubi uphulukene nolawulo lwemoto, abakhweli abangamadoda abaThathu (3) babhubhela kwindawo yexhwayelo.

Umqhubi owenzakeleyo kunye nomnye obekhwele bafumene umonzakalo onamandla kwaye basiwa kwisibhedlele saseGcuwa ukuze baxilongwe ngakumbi.

Kutyholwa ukuba ukuqhuba ngokungakhathali kube yeyona nto inegalelo kule ngozi. Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo samapolisa eMsobomvu ukuze kuqhutyekwe nophando.

By Anita Qubula.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks