Ilali yakuGatyana eNqabeni ishiyeke ibambe ongezantsi emva kokwehlelwa sisithwakumbe sokurhaxwa kubhubhe amakhwenkwe amabini kwidama lasekuhlaleni.
Esi siganeko senzeke emva kwemini ngoLwesihlanu umhla wama 26 KaJanuwari 2024, nalapho inkwenkwana eyenza ibanga lesithathu kwisikolo samabanga aphantsi Rhamra noAvuyile Bhotwana obesenza ibanga lesithandathu eLusungulo SP, beziphose kwidama lasekuhlaleni ngokuva ingqatsini yelanga xa bephuma esikolweni.
Iingxelo zithi uBhotwana ubone ukuba ugxa wakhe uyatshona ze wazama ukumnceda. Ekuphamzeni kwenzame zakhe, baye batshona bobabini.
Inqununu yesikolo samabanga aphantsi iLusungulo, uBheki Zondiwe uthi ufumene umnxeba osuka kumzali okwalilungu lebhodi elawula isikolo (SGB) limxelela ngesisehlo. Uthi abahlali bazamile ukusindisa lamakhwenkwaa kodwa afunyenwe sele ebhubhile.
“Ezilali zethu ziindawo ekwembiwa kokhiwo kuzo amadama ze ashiywe engabiywanga, nto leyo ebangela iziganeko ezikumila kunje. Utshilo uZondiwe.
UZondiwe uthi kunyaka ophelileyo ngoNovemba, kwarhaxwa umntana owayefunda eLusungulo SP kwidama elise Mpephe. Esithi ke banoloyiko ngamadama angabiyelwanga.
“Siyanqwenela ukuba urhulumente angenelele” Uvale ngelitshoyo.
Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lidlulise amazwi ovelwano kwiintsapho ezithe zafunyanwa lilifu elimnyama. Isithethi sesebe uMalibongwe Mtima uthi isebe lihlaba ikhwelo kubazali, liqononondisa ukuba abantwana ngabesebe xa bengaphakathi esikolwe, yiyo lonto icebe libongoza likwakhuthazwa ukukhatshwa nokuthathwa kwabantwana ezikolweni.
“Silisebe sizakudibana nesithili ukuyovela esikolweni nakwiintsapho zamaxhoba”