15.8 C
King William's Town
Wednesday, April 3, 2024

Kubhubhe igosa le zendlela kwingozi emanyumnyezi eMpuma Koloni

Igosa lezendlela eMpuma Koloni lisweleke kwingozi yemoto emanyumnyezi kuhola wendlela u-N2 eKinkelbos ngaphandle kwaseNelson Mandela Bay.

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lisiqinise esi sehlo ngoLwesibini.

Isithethi seli Sebe, u-Unathi Binqose, uthe amagosa kunye nabacebisi basasazwe kwindawo yexhwayelo ukuze banike inkxaso kwabo banokuthi bayibonile le ngozi.

Uthe abaphandi babo bazakujonga iimeko ezijikeleze le ngozi.

Kusenjalo, isithethi samapolisa uKapteni Marius McCarthy, uthi igosa lezendlela elineminyaka engamashumi amane anesithathu libhengezwe njengelibhubhele kwindawo yexhwayelo.

Ukwathe umqhubi weloli ubanjiwe wavalelwa kwisikhululo samapolisa saseKinkelbos.

Igama legosa elibhubhileyo alikachazwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.8 ° C
15.8 °
15.8 °
90 %
2.1kmh
100 %
Wed
16 °
Thu
34 °
Fri
18 °
Sat
13 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks