Home Iindaba Kubhubhe owasetyhini kwizibuko leenqanawe eGqeberha

    Kubhubhe owasetyhini kwizibuko leenqanawe eGqeberha

    Inenekazi elinamashumi amathathu anesibini (32) eminyaka ubudala elisebenza kwizibuko laseGqeberha lirhaxwe labhubha elwandle ngentseni yangoLwesine umhla wamashumi amabini anesihlanu kuTshazimpuzi.

    Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi ixhoba, belisebenza kwisikhululo seenqwelo-mafutha beliqhuba imoto yohlobo lweFord Ranger Cab kwinqanawa laze lakhawuleza santya. Ngokutsho kwamangqina emva koko uye wabetha umqobo kwaye isithuthi saphelela emanzini.

    UKapteni Janse van Rensburg uthi lo wasetyhini khange akwazi ukuphuma emotweni, eye yanyamalala phantsi kwamanzi. Umzimba wakhe uye wathathwa wasiwa kwindawo yokugcina izidumbu.

    Amapolisa awohlukeneyo kunye nabasemagunyeni kwizibuko beye amanxada-nxada bezama ukukhupha isithuthi elwandle.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks