Home Iindaba Kubhubhe umfundi wamnye eWSU kwiKhampasi yaseMthatha, edutyulwa ngumsebenzi.

Kubhubhe umfundi wamnye eWSU kwiKhampasi yaseMthatha, edutyulwa ngumsebenzi.

IDyunivesithi ikugxeka ngokubukhali uhlaselo lwabasebenzi lushiya owasetyhini esibhedlele.

Umfanekiso: Abafundi beDyunivesithi i-Walter Sisulu kwiKhampasi yaseMthatha. Ifoto: Facebook.

By Asemahle Mbete.

IDyunivesithi yase-Walter Sisulu (WSU) isigxeke kanukhali isehlo esivele ngequbuliso kwikhampasi yayo eMthatha ngentseni yangoLwesibini, umhla weshumi elinesine (15) kuTshazipmuzi 2025, sishiya umfundi omnye ebhubhile, abanye abaninzi benzakale.

Idyunivesithi ithi olu qhankqalazo lubambe abasemagunyeni bedyunivesithi bengalindelanga, kungekho saziso sangaphambili, ileta yesinyanzelo, okanye isikhalazo esisemthethweni esingeniswe kubaphathi beziko.

Idyunivesiti iye yaqinisekisa ukuba iingxoxo zokuqala kunye neBhunga eliMele abafundi beZiko (ISRC) zibonise ukuba iinkokeli zabafundi bezingazi ngoluqhanqalazo.

“Uthethathethwano lokuqala neBhunga eliMele abafundi beZiko (ISRC) luveze ukuba iinkokeli bezingazi ngoqhanqalazo olucwangcisiweyo lwabafundi.”

Le meko iye yanda ngokumandla xa iqela labafundi, bengena ngenkani kwindawo ehlala umsebenzi ekhampasini.

“Kwesi siganeko sinobundlobongela, inkosikazi yomsebenzi iye yonzakala kakhulu kwaye ngoku ifumana unyango esibhedlele.”

Umsebenzi kunye nabantwana bakhe abancinci baye bahlangulwa ngamapolisa oMzantsi Afrika (SAPS). Ngenxa yesi sehlo, iyunivesithi iphumeze amanyathelo okhuseleko ukukhusela abanye abasebenzi abahlala ekhampasini.

Idyuniveisthi ithi, “ukongeza kwinkosikazi yomsebenzi eyonzakeleyo, abafundi ababini bonzakele kancinci kwaye bafumana unyango esibhedlele, bakhululwa kwamsinya. Esona siphumo sibuhlungu kukusweleka komntu wesithathu ebudeni bohlaselo—umntu ongenguye umfundi okanye umsebenzi waseyunivesithi.”

Kuthe xa kusasazeka ezi ndaba zesi siganeko sibi, abemi boMzantsi Afrika kumakhasi onxibelelwano bakukhalimela ukudutyulwa kwabafundi ngumsebenzi wedyunivesithi, kwaye umbuzo obaluleke kakhulu ongekaphendulwa okwangoku uthi kutheni umsebenzi wedyunivesithi enompu ngaphakathi kwiziko lemfundo ephakamileyo?

Abasemagunyeni kungoku nje bazama ukufumanisa ukuba ngubani lowo ubhubhileyo kwaye baqonde ukubandakanyeka kwakhe kwesi siganeko.

Abaphathi be-WSU bavakalise ukulugxeka kabukhali udushe nophazamiseko. Eli ziko likuqinisekisile ukuzibophelela kwalo kuthethathethwano oluselubala nabafundi kwaye labongoza yonke imiba enxulumene nabafundi ukuba ihanjiswe ngeendlela ezifanelekileyo zangaphakathi.

“Sibongoza bonke abafundi ukuba basebenzise imijelo yangaphakathi esekiweyo ukunxibelelana ngokuthembekileyo nangoxolo izikhalazo nezinto ezibaxhalabisayo,” ifundeka ngolu hlobo ingxelo esemthethweni yale yunivesithi.

Olunye uhlaziyo lulindelekile njengoko uphando luqhubeka.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks