Kubhubhe umntu omnye ze kwenzala abalishumi elinesithathu kwingozi yesithuthi ebesisuka eGqeberha, sisiya eMthatha

By Anita Qubula

Kubhubhe umntu omnye, ze abanye abalishumi elinesithathu (13) bonzakala kakhulu ngethuba kubhukuqa iToyota Quantum kuhola wendlela uN2 osingise eKalana ngaseQonce ngenjika langa yayizolo.

Ukuwa kwemoto kutyholwa ukuba kubangelwe kukugqabhuka kwevili, waze umqhubi wangakwazi ukulawula isithuthi. Umqhubi ubhubhele kwindawo yexhwayelo ze abakhweli abonzakeleyo abalishumi elinesithathu (13) basiwa kwisibhedlele saseGrey, eQonce.

Kutyholwa ukuba iToyota Quantum ibithutha abakhweli isuka eGqeberha isiya eMthatha. Kodwa ithe xa isiza ngase Kalana imoto yagqabhukelwa livili.

UMphathiswa wezoThutho uXolile Nqatha udlulisa uvelwano olunzulu kusapho olulahlekelweyo kwaye unqwenelela bonke abakhweli abonzakeleyo ukuphila okukhawulezileyo. UMphathiswa ubongoza abaqhubi beemoto ukuba banciphise isantya ezindleleni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA