Home Iindaba Kubhubhe umrhanelwa kudutyulwano namapolisa kuR61 Kufuphi naseMthatha

    Kubhubhe umrhanelwa kudutyulwano namapolisa kuR61 Kufuphi naseMthatha

    Kudutyulwe kwabulawa umrhwnelwa ngexesha lomsebenzi wamapolisa obusenzeka kuR61 phakathi kweCicira neSikhululo seenqwelo-moya saseMthatha ngoLwesine emva kwemini.

    Amapolisa athi amalungu eTactical Response Team afumene ulwazi oluthembekileyo bucala malunga nemoto ebandakanyeka ekubeni nemipu engekho semthethweni,  malunga  no-12:45.

    Ekulandeleni lomkhondo, ingxelo zithi,  omnye wabakhweli uphume emotweni wadubula amapolisa, nto leyo eye yabangela ukuba nawo abuyisele ngomlilo ukuzikhusela, ze kwadutyulwa kwabulawa umrhanelwa omnye.

    AbeeNkonzo zoNcedo olu Ngxamisekileyo baye bamchaza njengoswelekileyo kwindawo yesehlo, logama i-IPID sele yazisiwe kwaye iza kuphanda esi sehlo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks