Indoda eneminyaka engama-33 ubudala ibhubhele esibhedlele emva kokuba umpu evulele ngembumbulu kubantu ababini eGelvandale ngenjikalanga yangoMvulo.
Isithethi samapolisa, uKapteni Andre’ Beetge, uthi le nyewe yenzeka ngezithuba zentsimbi yesi-5 xa indoda eyodwa iye yadubula amadoda amabini awayemi kwiikona zesitalato iZimdahl neTerreblanche.
Uthi babaleke bangena kwivenkile ekufutshane nanjengoko umrhanelwa eqhubeka nokudubula.
UBeetge uthi abasetyhini ababini ababebukele, abaneminyaka engama-22 kunye ne-8 ubudala, abebengaphakathi kule venkile benzakele emazantsi emilenzeni.
“Omane amaxhoba asiwe esibhedlele ukuze afumane unyango, kwaye omnye wamadoda, uMarshall Arends, oneminyaka engama-33, wasweleka ngenxa yokonzakala kwakhe. Elinye ixhoba eliyindoda, elineminyaka engamashumi amabini anesithandathu ubudala, nalo lonzakele kakhulu kwaye lisesibhedlele,” utshilo uBeetge.
Uthe umrhanelwa ubalekile ngeenyawo kwaye usagcwele amathafa.
Ityala lokubulala kunye namatyala amathathu okuzama ukubulala aphantsi kophando kwisikhululo samapolisa eGelvandale