Home Iindaba Kubi: Abanakutya, iimpahla haike indawo yokuhlala

    Kubi: Abanakutya, iimpahla haike indawo yokuhlala

    Intsana zase Mdantsane kwa N.U 2 ko 50 zicela uncedo ngendawo yokuhlala, ukutya kwakunye ne mpahla zokunxiba.

    Sele iyiminyaka amakhwenkwana amabini aphakathi kweminyaka eyi 10 ukuya kweyi 14 ephila phantsi kwentsokolo yokuhlala emkhukhwini ovuzayo kwaye osezingxondorheni ngokutsho komakhelwane.

    ULwaluhle kwakunye no Kamva Maxuku baphila phantsi kwentsokolo nalapho bathi ukuze batye bancedwe ngomakhelwane nabo abangathathi ntweni ngenxa yentsokolo.

    Lamakhwenkwana aselula na phila phantsi kwemeko embi athi amaxesha amaninzi alala odwa kwaye alala etye amabona ndenzile kuba umama wabo akabahoyanga uzula esithubeni kwaye ungumntu oselayo nto leyo emenza ukuba angabazi noba batyile okanye banxibile na.

    Omakhelwane nabachaza imeko ebuhlungu yabantwana bathi umama wabantwana imali yabantwana yendodla akabathengeli ukutya koko uyayisela kwaye akabahoyanga ngoba uzula esithubeni ekhangela into utywala.

    Kwezinye zengxaki abajongene nazo kukungakwazi ukuya esikolweni kuba bengenazo izinto zokunxiba, bengena kutya kwaye kungekho mzali ubahoyileyo.

    Omakhelwane bathi ezintsana zidinga indawo yokuhlala Kuba kwalomkhukhu bahlala kuwo bawubolekwa ngumama wasekuhlaleni ukuba bafihle intloko, badinga ukuncedwa ngokutya, impahla, izinto zokuthambisa kwakunye ne mpahla zesikolo.

    Omdala kwezintsana unxiba 12 ezihlangwini ize omncinci anxibe U2 kwaye bacela nabani ukuba abancede baphume kule ntsokolo.

    Ezinye zezinto eziyi ngxaki kukuba umama wabo xa ethe wabuya ngalomini abuye ngayo ufika abathuke, ababethe ze aphinde abashiye bezibonela ukuba balala betye ntoni kwaye yonke into bayazenzela.

    Ezintsana ingxaki yazo ibhaqwe ngu Sebenzile Xatasi we Ubuntu Foundation yase Mdantsane encedisana nomakhelwane.

    Loka Xatasi uyichaze njenge meko enzima kwaye ebuhlungu imeko yaba bantwana nalapho xeshikweni ebalisa ngalentlungu ethe walila inyembezi kuba naye esithi akathathi ntweni koko unceda nje ngezozinto zincinci afikelela kuzo.

    Omnye womakhelwane nothi abancede ngokutya naye akasebenzi kwaye uphila nesifo sokuxhuzula kwaye uthi ukuze babenento yokutya acuntsulele ababantwana kufuneka naye ayoziphandela kwindawo yase Highway ngokuthengisa ilekese kwakunye necuba.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks