By Asemahle Mbete.
Abaphathi beSibhedlele iDora Nginza basebenzisana namapolisa ukukhangela amanina amabini ekukholelwa ukuba abe abantwana ababini abazalwe phambi kwexhesha kwesi sibhedlele ngobusuku bangoLwesibini, ngomhla wamashumi amabini (20) kuCanzibe 2025.
UNogada osebenza kwisakhiwo sokubelekisa uzamile ukunqanda la makhosikazi ngethuba ezama ukungena ewadini ephethe ibhegi. La manenekazi kwakucingelwa ukuba azoncancisa. Nangona kunjalo, elinye lamanenekazi likwazile ukuphepha unogada laza langena kwigumbi labantwana liphethe bhegi.
Abaphathi kunye nabasebenzi bezokhuseleko babone kumfanekiso weCCTV, kwaye elinye lamanenekazi labonwa lisebenzisa ucango lokuphuma olwahlukileyo. Lo mba ngoku usiwe emapoliseni ukuze kuphandwe ngolwaphulo-mthetho.
UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Kapa, uNtandokazi Capa, ukukhalimele kabukhali oku kuphulwa kwemigaqo yokhuseleko kwaye uyalele abaphathi ukuba baqalise uphando lwangaphakathi malunga neemeko ezingqonge sonke esi sehlo.
Ukwabongoze uluntu lwaseGqeberha ukuba luncedise ekukhangelweni kwezi ntsana zibini.
“Ziyanda izenzo zolwaphulo-mthetho ezijolise kumaziko ezempilo eGqeberha, kwaye oku kwenza ixhala elikhulu kweli sebe. Sinikezela ngeenkonzo ezibalulekileyo kuluntu lwethu, kwaye izibhedlele akufuneki zijongwe ngabaphuli-mthetho.”
Kwenziwa isibongozo kuwo onke amaqonga oluntu ukuba asebenzisane nesebe kunye nee-arhente zogcino-mthetho ukuze kupheliswe ezi ziganeko.
Rhoqo ngonyaka, isebe lichitha izigidi zeerandi kukhuseleko labucala ukuqinisekisa ukubakho koonogada kumaziko alo ngenxa yoku kwanda kwezenzo zolwaphulo-mthetho, ukhuseleko lwaseGqeberha lonyusiwe ukuze luquke ubuchwephesha nobuxhakaxhaka bamva nje.
