Home Iindaba Kubulewe ixhewukazi kwilali yaseGqushwa

    Kubulewe ixhewukazi kwilali yaseGqushwa

    Amapolisa aseNgqushwa kwidolophana encinci yaseMpuma Koloni, acela uluntu ukuba luze ngaphambili nalo naluphi na ulwazi olunokunceda ukusombulula ityala lokubulala elenzeke ngomhla we-17 kaFebruary kunyaka ka2026 malunga nentsimbi yesithandathu malanga.
    Esi sicelo silandela isiganeko esenzeke kwithafa laseDarban kufutshane nebala laseMahlubini ePeddie. Amapolisa alunywe indlebe lilungu lasekuhlaleni malunga nomzimba wowasetyhini awufumene ethafeni.
    Aye ke amapolisa andula ukuya kwindawo yexhwayelo ze ekufikeni kwabo baboniswa umzimba wenkosikazi eneminyaka engamashumi asixhenxe abanye ubudala-71
    Kuvulwe ityala lokubulala ukuze kuphandwe kodwa ukuzakuthi ga ngoku akukabanjwa mntu. Nangona kunjalo uphando luyaqhubeka ukuqinisekisa ukuba umrhanelwa uyabanjwa. Amapolisa acela nabani na onokuthi ancede ngolwazi aqhagamshelane negosa eliphandayo uWarrant Officer Nozuko Booi wasePeddie SAPS ku-071 352 4667 okanye atsalele inombolo ye-SAPS Crime Stop 08600 10111
    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks