Amapolisa aseNelson Mandela Bay akugxeke kabukhali ukubulawa “okungenangqiqo” kwezalamane ezimbini abathi baba ngamaxhoba obuqhophololo obenziwe kumakhasi onxibelelwano (Social media scam).
Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthe u-Aaron oneminyaka elishumi elinethoba (-19) ubudala kunye noKyle Alberts oneminyaka engamashumi amathathu (-30) ubudala baseSt Albans, baphendule kwintengiso ebijikeleza kumaqonga ezonxibelelwano efuna abantu abazokuvela kumabonakude ngoMgqibelo umhla wesithandathu (6) kuTshazimpuzi. Uthe baye bahendeka baya kwidilesi ebhaliweyo kwintengiso leyo. Ukanti esisibini ekufikeni kwaso kwidilesi siye saphangwa, sadutyulwa ze baswelekela kwindawo yexhwayelo, ngelixa iiselfowuni zabo, imali, kunye nemoto yabo iyeyathathwa ngexesha lesisehlo.
“Aba bazalwa kunye baye kumzi othile eCeru Steet kwaNU 5 eMotherwell baxelelwa ukuba akukho ntengiso injalo, kwaye abahleli kulo ndlu abayazi kwanto yokuthengisa.” Utshilo UNaidu
“Ngelixa besekulondawo yedilesi, bafikelwe ngabarhanelwa ababini ababadubula babaphanga. Iveni ifunyenwe kude kufuphi nendawo yexhwane,” utshilo uNaidu.
Uthe icandelo lephondo eliphanda ngolwaphulo-mthetho olunobundlobongela eGqeberha liphanda eli tyala.
Amapolisa abongoza uluntu ukuba lulumke kwaye lukhuthale xa lusebenzisa amaqonga onxibelelwano ekuthengeni izinto.
“Qinisekisa ukuthembeka kwabathengisi, wenze utshintshiselwano kwiindawo ezikhuselekileyo, kwaye ucinge ngokubandakanya ukuthotyelwa komthetho ukuba kukho naziphi na izikrokro,” watsho uNaidu.
UMkomishinala weSithili, uNjengele Vuyisile Ncata ucebisa uluntu ukuba lungaze lunyathele kwindawo olungayaziyo. Uthe kukho iindawo ezinobungozi emaziphetshwe.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni ababulali ukuba atsalele umcuphi uKapteni Monde Sithole ku-082 457 2812 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane.
