Home Iindaba Kudlwengulwe umkhwetha ngamadoda amathandathu kweli leMpuma Koloni.

    Kudlwengulwe umkhwetha ngamadoda amathandathu kweli leMpuma Koloni.

    Amapolisa kwiPhondo leMpuma Koloni aphanda ityala lokudlwengulwa kwenkwenkwe eneminyaka elishumi elinesithandathu(16) ubudala kwisikolo sokwaluka eMonti.

    Ngokwengxelo kuvakala ukuba ngamadoda amathandathu(6) atyholwa ngesisehlo, ngokwengxelo yengqina elithembekileyo.

    Isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli uqinisekisile ngolwesithathu ukuba ngokwenene likhona ityala elivuliweyo kwisikhululo samapolisa kubikwa ukudlwengulwa kwenkwenkwe efunda ibanga lesiBhozo(Grade 10) ngethuba ikwisikolo sokwaluka kwinyanga ephelileyo.

    “Iimeko ezijikeleze esi sehlo ziyinxalenye yophando. Amapolisa aqhuba uphando phambi kokuba kubanjwe nabani na,” utshilo uNkohli.

    Esi sehlo sibangele umothuko, njengoko itshantliziyo lamalungelo abantwana uPetros Majola esithi makubanjwe ngokukhawuleza.

    “Ndiyaphinda ndibongoza onke amadoda ephondo ukuba akhe acinge nzulu xa kufikwa kwezi zenzo zolwaphulo-mthetho.

    UMajola umemelele ukuba kubanjwe ingcibi kunye nabongikazi ababenyamekela umkhwetha kwisikolo sokwaluka.

    Ingxelo: Anita Qubula

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks