Kudutyulwe 10 kwaze konzakale 3 kuqhankqalazo lwabafundi baseWSU, eMthatha.

Abafundi baseWalter Sisulu University kwiKhampasi yaseMthatha bebebambe uqhankqalazo namhlanje umhla wamashumi amabini anesixhenkxe (27) Canzibe 2024.

Abafundi baseWSU eMthatha babambe uqhankqalazo namhlanje bekhalazela ukungahoywa kwemo yabo yentlalo esikolweni. Olu qhankqalazo kuvakala ukuba luqale kwiveki ephelileyo ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesithathu (23), njengoqhankqalazo olunocwangco nobelunozinzo, abafundi bakwenze oku ngelithi bafuna ukufaka ixwebhu lweemfuno (Memorandum of Demand).

Kutyholwa ngelithi abaphathi besikolo ngosuku olu landelayo baye baqesha oonogada babucala ukuze bazogcina ucwangco nokuchitha oluqhankqalazo, oko akukhange kubeyimpumelelo. Ngokwengxelo yeNkokheli yeKhampasi yaseMthatha, uThemba Zikhali, uthe ezinye zizathu zoluqhankqalazo kuquka ukufumana isibonelelo sikaNSFAS, ukungafumani ndawo zisemngangathweni zokhuhlala kwabafundi, imali yokukhwela encinci.

Ngentseni yangoMvulo oluqhankqalazo luye lwaqhushumba apho abafundi kunye namapolisa enze ungquzulwano, ze kwachaphazeleka abafundi abalishumi (10) abathe badutyulwa ngeembumbulu zamanyani, abathathu (3) bonzakele ngokumasikizi.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
14.7 ° C
14.7 °
14.7 °
75 %
5.5kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA