By Asipile Kitchen.
Ngaphantsi kweyure ezingamashumi amabini anesine, kufunyenwe imizimba yamadoda amabini kwiziganeko ezahlukeneyo kufutshane nendawo emisa iimoto eGovan Mbeki Avenue.
Othethela amapolisa uCaptain Andre Beetge uthe kwisiganeko sakutsha nje, amapolisa aseHumewood aziswe ngesiganeko sokudubula esikufuphi nase-Lilian Diedericks Building (ebisaziwa njengeBrister House ngaphambili) malunga nemizuzu engamashumi asihlanu emva kwentsimbi yeshumi elinanye (11:50am) kusasa ngoLwesibini.
“Ekufikeni, umzimba wendoda enamashumi amane anesixhenxe ubudala ufunyenwe unamanxeba okudutyulwa aliqela kumzimba ongentla.”
Uthe le ndoda ibime esiphakathini sase-Govan Mbeki Avenue xa kusondela indoda exhobileyo kwaye yadubula izithonga ezininzi kuye.
UBeetge uthe le ndoda ibhubhe kwakwindawo yexhwayelo kwaye ityala lokubulala livuliwe.
“Nabani na onolwazi olungancedisa amapolisa ngoluphando angaqhagamshelana nabacuphi be-SAPS eHumewood, uMcuphi uSajini uManento Baatjies, ku-073 962 2065 okanye uCrime Stop ku-08600 10111.”
Esi siganeko siza emva kokuba esi sikhululo samapolisa sinye besaziswe ngodubulo olwenzeke kwirenki yeteksi esecaleni kwaseLilian Diedericks Building malunga nemizuzu engamashumi amane anesihlanu emva kwentsimbi yesine (4:45pm) emva kwemini ngoMvulo.
Ngokutsho kukaBeetge, umqhubi weteksi, oneminyaka engamashumi amane anesine, ebekwiteksi eyiMini Bus xa esondelelwa ngamadoda amabini azigqume ubuso.
Omnye walamadoda udubule izithonga ezininzi kumqhubi emchana kumzimba ongaphezulu, phambi kokuba aqale ukubaleka ngenyawo.
Ityala lokubulala livuliwe kwakhona kwaye kuyaphandwa ngamapolisa aseHumewood.
