Home Iindaba Kudutyulwe babane(4) abantu nekukholeleka ukuba ngoonoteksi eMdantsane

    Kudutyulwe babane(4) abantu nekukholeleka ukuba ngoonoteksi eMdantsane

    Ufikile uMphathiswa weSebe lezothutho ephondweni uWeziwe Gxothiwe Tikana kwindawo yexhwayelo, apho kubhubhe abantu abane(4) kudubulwano lwanamhlanje eMdantsane.

    Oludubulo loonoteksi lushiye uluntu lwaseMdantsane luthe phithi, kambe lothukile sisiganeko sokubona abantu bebhubhile koludubulwano olwenzeke ngemvakwemini yanamhlanje. Ukuba uyakhumbula akuzontsuku zatywala isikhululo sezithuthi zikawonke-wonke saseNgqushwa naso sithe safikelwa ngumtu ongaziwayo, naye owamnonzeleka kwiiOfisi zabaphathi be(taxi) ethulula imbumbulu emtwini. Ngethamsanqa kweso isiganeko akuzange kubekhomtu ubhubhayo.
    Kwesi isihaneko kubakala ukuba phakathi kwababhubhileyo kukho indoda, kanye le imbonzeleme kwii-ofisi zombutho woonoteksi wasekuhlaleni ekucaca ukuba iye yavulela ngembumbulu kwabhubha abantu ababini ebebengaphakathi kule ofisi.
    Esi siganeko sokudubula senzeke kwii-ofisi zaseMdantsane zombutho kaNcedo Service Taxi Association eMdantsane kufutshane nesakhiwo iM&K kwindlela enkulu yale lokishi, uGordon Qumza Highway, phakathi kweNU 1 neNU 2.
    Esi sehlo siqinisekiswe ngorhatya lwangoLwesithathu nguMphathiswa wezothutho, ukhuseleko nonxibelelwano uWeziwe Tikana-Gxothiwe, isithethi sakhe Unathi Binqose.
    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks