By Asipile Kitchen.
Amaxhoba amane (4) angamadoda adutyulwe abulawa ehleli kwisithuthi sawo ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kweyeKhala 2025, oku kwenzeke malunga nemizuzu engamashumi amathathu anesihlanue emveni kwentsimbi yesine (16:35) kwisitalato iThanduxolo Mbete, kwindawo yaseQaqawuli, Kwazakhele.
I-SAPS eNew Brighton yazisiwe ngesiganeko sokudubulana kule dilesi, amapolisa kwindawo yexhwayelo afumana imizimba yamadoda amane awayehleli kwimoto yohlobo lweToyota Corolla esilivere ngombala.
Iinkcukacha zamaxhoba kunye nabarhanelwa, kunye nesizathu sokubulala, zisaphandwa.
Ityala lokubulala (amatyala amane) livuliwe yiSAPS New Brighton kwaye liphandwa yiYunithi yoPhando loLwaphulo-mthetho olunoBundlobongela kwiPhondo leMpuma Koloni (EC Provincial Serious Violent Crime Investigation Unit).
Nabani na onolwazi olunokunceda amapolisa kolu phando angaqhagamshelana nabecuphi beSVCI, uLt Collel Sithole kule nombolo 082 457 2812 okanye 08600 10111.
