By Nontando Ntsevu
Oonqevu baseNgqeleni badubule babulala igosa lesipolisa kumbindi waseNgqeleni ngentsimbi yesithathu emva kwemini ngoMvulo. Umthombo othembekileyo uthi bave isithonga sompu.
“Ipolisa lawa phantsi, abafana ababini bathatha umpu walo babaleka ngeenyawo beshiya eli polisa lifile,” utshilo umthombo.
Kukholelwa ukuba eli polisa lisebenza kwisikhululo samapolisa aseNgqeleni.
Ukuthotywa kunye nokubulawa kweli polisa kwenzeke phambi kotyelelo lomphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu ngoLwesibini eLusikisiki, apho kubulewa abantu abalishumi elinesibhozo (18) kudubulo olukhulu kwilali yaseNgobozana ngempelaveki.
Elinye ipolisa ebelisebenza kwicandelo le-K9 eMthatha, lingcwatywe eMbizana ngempelaveki emva kokubhubha kwingozi yemoto kuN2 phakathi koMthatha noTsolo.