Home Iindaba Kufunyenwe intsango exabisa iR800,000, kwabanjwa abantu ababini.

Kufunyenwe intsango exabisa iR800,000, kwabanjwa abantu ababini.

Amapolisa eMpuma Koloni abambe abantu ababini emva kokufunyanwa benentsangu exabisa iR800,000.

Amapolisa eMpuma Koloni abambe abantu ababini emva kokufunyanwa benentsangu exabisa iR800,000.

Iphephandaba iIndependent Online, lithi ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseMpuma Koloni uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, amapolisa ebejikeleza ngakumlambo (Tellebridge) owahlula uMzantsi Afrika neLesotho, ngethuba ebona isithuthi esikrokrisayo.

“Ngophando bathe basondela kule moto bafumanisa amadoda amabini asuka eGcuwa elayishe iingxowa ezilishumi elinesibini zentsangu.

“Baye babamba abarhanelwa ngoko nangoko bababeka ityala lokufunyanwa nentsangu.”

Uthe umrhanelwa ubevele okokuqala kwinkundla kamantyi yaseSterkspruit ngoMvulo ze banikwa ibheyile yeR800. Kulindeleke ukuba bavele enkundleni kwakhona ngomhla weshumi elinesithoba (19) kuJulayi.

Ngenyanga kaTshazimpuzi kulonyaka ixhegwazana elinamashumi amathathu anesithandathu (36) libhaqwe lihamba ngebhasi kutyholwa ukuba liphethe iziyobisi ezixabisa izigidi ezithathu zeerandi.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseMpuma Koloni uKapteni Hazel Mqala, amalungu eFlying Squad eMonti afumene ulwazi ngenkosikazi engaziwayo ebisuka eBloemfontein isiya eMonti ngebhasi.

Uthe ibhasi iye yalandelwa ukuya e-Windmill Roadhouse apho yamiswa khona, eMonti. Umthwalo weli bhinqa wakhangelwa kwaye amapolisa afumana iziyobisi ekurhaneleka ukuba yiCrystal Meth okanye iTik.

UMqala uthi amapolisa afumene iingxowa ezilishumi elinesihlanu zeCrystal Meth kumrhanelwa.

“La machiza anobunzima obuziikhilogram eziyi-20,50 xa ewonke kwaye ixabiso lesitrato liqikelelwa kwi-R3 yezigidi.”

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks