Home Iindaba Kufunyenwe izigulana zilele phantsi kwisibhedlele sase-Kariega.

Kufunyenwe izigulana zilele phantsi kwisibhedlele sase-Kariega.

ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa lizingqinle iindaba zokuba kwisibhedlele sabo eKariega, izigulana zilala phnatsi ngenxa yokushokoxeka kwebhedi.

Umfanekiso: Thamsanqa Mbovane

Ngethuba iintatheli zejelo leendaba iGroundUp zityelele esi sibhedlele ngoMvulo, isigulana esineminyaka engamashumi amabini anesibini (22) esinenxeba lokuhlatywa besiphakathi kwabantu abaliqela ebebelele kumatrasi okanye phantsi bondlale ngeengubo. Uthe ungeniswe ngeCawe emva kwemini.

“Utata uye kubongikazi ukuze afumanise ukuba kutheni kungekho zibhedi nje. Unomsindo kakhulu ngale nto yenzeka kwesi sibhedlele,” utshilo. Inxeba elalisesifubeni lalifakwe ngombhobho.

Amalungu entsapho zezinye izigulana aye agqiba ekubeni babagoduse abantu babo kunokuba babashiye phantsi.

UKhosi Brandy ophuma kumatyotyombe akwa-Area 11 KwaNobuhle, uthi ugoduse udade wabo omncinci. “Ndazixelela ukuba andikwazi kumyeka alale phantsi. Ndifike esibhedlele nengubo kodwa ndayinika isigulana sasetyhini ebesingcangcazela silele phantsi,” utshilo uBrandy.

Umqhubi wenqwelo yezigulana ongathandanga ukuzichaza igama lakhe, uxelele iGroundUp ukuba kufuneka ayolanda isigulana KwaNobuhle, kodwa i-stretcher awayesidinga sayisetyenziswa sesinye isigulana esibhedlele.

“Ngenxa yokuba azikho iibhedi, sivumela abaguli balale kwi-stretcher kwiipaseji de kubekho ibhedi.”

Kumgangatho ophantsi bekukho izigulana ezimalunga namashumi amabini kula wadi, ezine zilele phantsi ngaphandle abanye behleli ezitulweni.

Esinye isigulana esihleli ebhentshini sathi sisuka e-Despatch kwaye samkelwa ngomhla wokuqala (01) kuNovemba. Kwaye engekabinayo ibhedi.

“Akukho bhedi apha; akukho kutya. Inye into esiyityayo sisidudu okanye uzithengele ukutya.”

“Kwaye ukuba uhlala ukhalaza uya kufumana ingqwalasela epheleleyo kumongikazi oya kukuthuka,” utshilo.

Unobhala wephondo kwimanyano yabasebenzi bakarhulumente nabasebenzi abamanyeneyo eMpuma Koloni uMzi Nkata uthi le ngxaki inabele kumasipala ombaxa. “Le ndawo yoluntu iyasokola kwaye kudala izamana nezixhobo ezifuneka ngamandla ukuqinisekisa ukuba iinkonzo ziyahanjiswa ixesha elide.

“Umba weebhedi awuchaphazeli isibhedlele esinye kuphela – utyhutyha iNelson Mandela Metro nakwezinye iingingqi,” utshilo.

Othethe egameni likaMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uMkhululi Ndamase, uthi abakhange bamkelwe abantu abalele phantsi njengezigulana. Wathi yindawo yokulinda.

“Kwiintsuku ezininzi, izigulana eziye zanyangwa zaza zakhutshwa, zikhetha ukulala apho kuloo ndawo, ngelixa zilinde imini yonke ngaphambi kokuba zigoduke okanye iilifti zazo zikwazi ukuziqokelela zigoduke.”

Kodwa, uthe, isebe livumile ukuba “kukho uxinzelelo kwiibhedi ezikhoyo”.

Oku kunokubalelwa kukwanda kwemfuno yokhathalelo njengoko uluntu lwaseKariega lusanda. Uthe uluntu lukhule “ngamatyotyombe athe akhula kule minyaka idlulileyo”.

“Sikwaqaphele ukwanda kweemeko zomonzakalo kunye nomceli mngeni wempilo yengqondo obeka uxinzelelo olongezelelweyo kwicandelo lomonzakalo esibhedlele.”

UNdamase uthe abasebenzi bezempilo benza konke okusemandleni abo ukwenza ixesha lokuguqula imeko ngokukhawuleza kangangoko.

Ezinye izigulana zikhetha ukuya esibhedlele endaweni yeklinikhi, utshilo.

“Ukudlula kwiinkonzo zokhathalelo olusisiseko apho izigulane zinokufumana ukhathalelo olufanelekileyo kwenza, ngokuzisola, ukuba negalelo kwixesha elide lokulinda kwiSibhedlele sase-Kariega, apho kufuneka sihoye amatyala anzima, angxamisekileyo kuqala. Sibongoza uluntu ukuba lusebenzise iiklinikhi zabo zengingqi kwiinkonzo zonyango lokuqala.”

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks