Home Iindaba Kufunyenwe umzimba womtu udunduluzile eNyandeni

    Kufunyenwe umzimba womtu udunduluzile eNyandeni

    Crime scene investigation

    Amapolisa eMpuma Koloni acela uncedo kuluntu ekufumaneni umkhondo wesalamane sendoda eyafunyanwa isidumbu sayo ngomhla we11 kuTshazimpuzi ka-2022 malunga nentsimbi yethoba(09:00) kusasa, kwindawo yolawulo yaseNyandeni eChophetyeni.

    Kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanywe ngasentla amapolisa aphendule kwisikhalazo somzimba olele endleleni.

    Ekufikeni kwamapolisa afumene umfi enamanxeba amaninzi. Kwavulwa ityala lokubulala kwaye umfi akaziwa. Ebenxibe isikipa , ijean emnyama kunye neebhutsi ezimnyama .

    Nabani na onokunceda ekukhangeleni usapho okanye onokuthi akwazi ukuchonga umzimba anganceda aqhagamshelane noDetective Warrant Officer Zingisile Jozana kule nombolo 0639763632

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks