Amapolisa aseKariega acela uncedo kuluntu ekukhangeleni isizalwane semizimba emibini efunyenwe kwiziganeko ezahlukeneyo.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi nge-30 kaDisemba, indoda yafunyanwa ibhubhile kwisitishi esincinci kwiikona zezitalato zaseJohn naseDurban.
Uthi le ndoda yabanjwa ngumbane.
Umfi uqikelelwa ukuba uphakathi kweminyaka engama-20 nama-30 ubudala kwaye wayenxibe ivesti emdaka kunye nedenim eblowu.
UCaptain Janse van Rensburg uthi kusuku olulandelayo, abalobi basekuhlaleni babona umzimba wowasetyhini udada kumlambo iSwartkops.
Uthi amapolisa abonza umzimba wonakele.
Umfi ebenxibe ihempe eblue, iblukhwe ekhrimu kunye neekawusi ezimnyama.
