Home Iindaba Kukhutshwe Isilumkiso samaza abomvu kumasipala waseBuffalo City

    Kukhutshwe Isilumkiso samaza abomvu kumasipala waseBuffalo City

    Umasipala ombaxa waseBuffalo City ulumkisa abantu abahamba elwandle ngomsinga obomvu ogudle unxweme lwesixeko.

    UManejala Jikelele weeNkonzo zaseLwandle kulomasipala, uSiani Tilney, uthi abantu mabakuphephe ukuqokelela okanye ukutya oonokrwece.

    Uthi baya kuqhubeka nokubeka iliso kwityhefu ye-red tide, igama eliqhelekileyo elisetyenziselwa ukuqhakaza kwe-algae eyingozi.

    Amaza abomvu kuthiwa avelisa ityhefu eyingozi, ekwazi ukubangela ukufa kwintlanzi, i-shellfish, izilwanyana ezincancisayo kunye neentaka.

    Abantu abanezigulo ezingapheliyo zokuphefumla bayacetyiswa ukuba baphephe iindawo eziselunxwemeni ezichatshazelwa yile ntyatyambo yealgae eyingozi

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks