Home Iindaba Kulindeleke ivele enkundleni yamatyala ingcibi engekhomthethweni kwinyanga ezayo, eMonti.

Kulindeleke ivele enkundleni yamatyala ingcibi engekhomthethweni kwinyanga ezayo, eMonti.

Ibanjiwe ingcibi 'eyinkwenkwe' emva kokubhubha komfundi ogqwesileyo.

Ibanjiwe ingcibi ‘eyinkwenkwe’ emva kokubhubha komfundi oqweshileyo.

Emva kokuba kuke kwavalwa izikolo kwinyanga yeSilimela amakhwenkwe aye alungiselela ukuya esuthwini ukuquka omnye obengu mdlali wezombhoxo efunda eHudson Park.

Obeyingcibi yaseMzamomhle eMonti, ngu-Iviwe Gana oneminyaka elishumi elinethoba (19) ubudala, akuqinisekwanga nokuba yena woluka na okanye useyinkwenkwe ehamba isolusa amanye amakhwenkwe eMonti.

U-Iviwe uvele kwinkundla kaMantyi yaseMonti izolo nalapho ajamelene nezityholo zokolusa amakhwenkwe amathandathu apho kuthe kwabhubha omnye wabo ongulo mfundi ugqwesileyo waseHudson Park, eMonti.

Ngomhla wesihlanu (5) kule nyanga yeSilimela amakhwenkwe amathandathu aphakathi kweminyaka elishumi elinesine (14) ukuya kwelishumi (17) ayokungena kumabhoma ka-Iviwe Gana.

Amapolisa aye ahletyelwa ngesi ‘Sikolo sobudoda’ sika-Iviwe kusakuvakala ukuba kukho umkhwetha waso obalekiselwe esibhedlele.

Indlu yeenkosi ephondweni ithethe yathi: “Umrhanelwa lo ongu-Iviwe ubanjiwe, kwaye ngoku sizakuhlola ukuba yena ubuqu, njengengcibi, woluka na okanye useyinkwenkwe kwayena. Elo ingalihlazo elikhulu kweli siko lolwaluko”

Lingaphaya kwamashumi amane (40) inani labakhwetha abancinci (phakathi kwe-13 ukuyokutsho kwi-17 yeminyaka) esele besindiswe kula mabhoma angekho semthethweni aqhutywa ngabafana abafana noo-Iviwe Gana (lo ubanjiweyo eMonti) nooZibekile Nkata (ofunwa shushu ngamapolisa aseGcuwa).

Kulindeleke avele kwi nkundla yamatyala yaseMonti ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala 2024. Uyalile ibheyile.

Ongeziwe Ntondini.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks