Home Iindaba Kulindeleke ukuba kuphawulwe iminyaka eli-103 ngembubhiso yaseBulhoek

    Kulindeleke ukuba kuphawulwe iminyaka eli-103 ngembubhiso yaseBulhoek

    Umphathiswa wezemidlalo ubugcisa nenkcubeko uZizi Kodwa ngoLwesibini umhla wamashumi amabini ananye kuCanzibe, uza kwenza intetho ephambili kwisikhumbuzo sembubhiso eBulhoek, kwindawo iBulhoek Massacre Monument, eNtabelanga phantsi komasipala wokuhlala iEnoch Mgijima eMpuma Koloni.

    Kulo nyaka kuzakube kuphawulwa iminyaka elikhulu elinesithathu (103) ukususela kwindyikityha yokufa yaseBulhoek apho malunga namakhulu amabini (200) ezikhumbuzo zebandla lakwaSirayeli zabulawa ngamapolisa kumanyano loMzantsi Afrika eNtabelanga.

    Esi sikhumbuzo siphawula uhambo lwaminyaka le kumangcwaba eBulhoek Massacre owenziwe yinkonzo yakwaSirayeli ukuya kunika imbeko kumaxhoba eNtshontsho kunye nenkokeli eyaseka le nkonzo, umprofeti uEnoch Mgijima.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks