18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Kulindeleke ukuvuthuza kwemimoya ngesantya se120km ngeyure ecaleni konxweme.

Isebe leMozulu eMzantsi Afrika (SAWS) likhuphe isilumkiso senqanaba lesiThandathu (6)malunga nemimoya eyingozi namaza azayo kwisithuba seeyure ezingamashumi amabini anesine (24hrs) achaphazela ummandla wonxweme ukusuka ePlettenberg Bay ukuya eMonti.

Kunokulindelwa ukuvuthuza komoya phakathi kwe-100-120km ngeyure, nto leyo ekhokelela kwiimeko ezinzima zokuqhuba.
Othethe egameni lezendlela ephondweni u-Unathi Binqose uthi abasebenzisi bendlela nabaqhubi bezithuthi bayabongozwa ukuba balumke okanye bakuphephe ukuba sendleni xa kunokwenzeka njengoko isilumkiso esikhutshwe yiSAWS sinokuba nefuthe elibi, singawisa izithuthi okanye sibangele umonakalo omkhulu kwiipropati. kunye neziseko zophuhliso.

Esi silumkiso sikwajolise komasipala baseKouga, Ndlambe naseNgqushwa.
I-SAWS ithi amaza anokonakalisa iziseko ezingundoqo ezingaselunxwemeni, ngelixa iinqanawa zisemngciphekweni wokubhukuqa okanye ukophuka imigca yokuxhoma.
Ngaphakathi kwelizwe, iimeko ezifanayo zilindelekile, nangona inqanaba lokulumkisa lithotywe kwinqanaba elityheli lesibini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks