Kulumkiswa abaqhubi ezindleleni zaseMpuma Koloni ngokuwa kwekhephu.

Abaqhubi bezithuthi abahamba ngendlela u-N9 phakathi kweRhafu kunye ne-Middleburg eMpuma Koloni balumkisiwa ukuba bahlale bethe qwa endleleni ngenxa yokukhithika kwekhephu.

Isithethi sesebe lezothutho ephondweni uUnathi Binqose uthi elikhephu liwileyo alinabuzaza kwaye lendlela izohlala ivuliwe.

U-Binqose uthe, “Sibongoza abasebenzisi bendlela, abaqhubi beendlela ngokukodwa ukuba balumke ngakumbi xa besiya besolula kulendlela, kuba lonto ingadala umonakalo kwakunye nokutyibilika kweemoto ngenxa yekhephu eliwileyo”

Kanti oku kuza emva kokuba Inkonzo yemo yeZulu yaseMzantsi Africa ikhuphe isilumnkiso semvula ephazamisayo ekwinqanaba lokuqala (level 1) ezakuthi inethe phakathi komhla weshumi elinesihlanu neshumi elinesithandathu kuTshazimpuzi, nebesikhutshwe ngomhla weshumi elinesihlanu.

Iindawo ekulindeleke zichaphazeleke eMpuma Koloni ngokwengxelo yenkonzo yemozulu ngumasipala ombaxa waseBuffalo City, Great Kei, Ingquza Hill, King Sabata Dalindyebo, Mbashe, Mbizana, Mnquma, Nyandeni kunye neSajonisi.

Le mvula kulumnkiswa ukuba inganezaqhwithi ezinamandla ezinokuthi zikhokelele kwizikhukhula kwindawo ezithile, ezindleleni nakwiindawo ezisemazantsi kule mimango ikhankanywe ngasentla.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA