Amapolisa eMpuma Koloni abhaqe omnye umzimba wexhoba lezikhukula eziye zatshabalalisa iNelson Mandela Bay kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.
Okufunyenwe mva nje kukhokelela kwishumi elinanye (11) kumasipala ombaxa kunye neshumi elinesine (14) bebonke kweliphondo, kuquka abathathu (3) ababhubhe kumasipala ombaxa iBuffalo City eMonti.
Bangaphezu kwamawaka amathathu (3000) abantu abathe bashiywa bengenamakhaya ngenxa yezikhukula.
Isithethi samapolisa uPriscilla Naidu uthi lo mzimba ubhaqwe licandelo loPhando nokuHlangula kumlambo iSwartkops, eKariega, enye yeendawo ezithwaxwe ngamandla zizikhukula.
“Kurhaneleka ukuba ngoLwesine indoda engaziwayo ibiwela umlambo kufuphi naKwanobuhle ngethuba ifumene ubunzima yaze yaduka kulo msinga unamandla. Igama lakhe alikaziwa okwangoku kwaye amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekumchongeni ukuba aqhagamshelane neSAPS, eKariega. Iphulo lokukhangela amanye amabhinqa amabini ekutyholwa ukuba arhaxwe okanye axelwe ukuba aduka kwiziganeko ezahlukeneyo ngenxa yezikhukhula zakutsha nje, liyaqhuba. Iidokethi zophando zivuliwe kubo bonke abantu abarhaxwayo,” utshilo uNaidu.
By Anita Qubula.
