ISebe lezeMpilo laseMpuma Koloni licela abomthetho ukuba baphumeze konke okusemandleni abo ekukhangeleni abarhanelwa abaphange abasebenzi bezempilo abane(4) kufutshane nakuQumbu ngoLwesithathu umhlaweshumielinesihlanu(15) kweyeKhala.
Isithethi seSebe, uCamagwini Mavovana, uthe abasebenzi bezempilo babelwe ukuqhuba iinkqubo zempilo zokufikelela kwiNyanga kaMandela.
“Babesendleleni eya kwiLali yaseMzoboshe kuQumbu ukuya kubonelela ngeenkonzo zokulungisa imeko kuluntu lwaseMhlonto xa imoto yabo yathinjwa kwaye zonke izinto zabo zabiwa.
“Ngenxa yesi siganeko, uluntu luphulukene neenkonzo zempilo ezifunekayo, kubandakanya novavanyo lwezixhobo zoncedo kunye nezitulo ezinamavili,” utshilo.
UMphathiswa wezeMpilo waseMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, ugxeke olu hlaselo waza wachaza abenzi bobubi njengabantu abangenalusini ababonise ukungakhathali ngokupheleleyo ngentlalo-ntle yoluntu lwabo.
“La maqela ayethatha iinkonzo zempilo aye ebantwini – isenzo esihlonipha ukuzinikela koMongameli wangaphambili uMandela kwaye sibonisa umoya weNyanga kaMandela. Ukuhlasela abo bakhonzayo kukuhlasela uluntu ngokwalo,” utshilo uMphathiswa uCapa.
Ucele abo basebenza ngokusesikweni ukuba baqinisekise ukuba abenzi bobubi bayabanjwa.
“Kufuneka sifundise uluntu, kunye nabaphuli-mthetho ngokwabo, ngeenkonzo ezibalulekileyo ezibonelelwa ngabasebenzi bezempilo ngokungakhethiyo kubo bonke abantu bethu, kuquka nabo benza ulwaphulo-mthetho,” wongeze watsho uMphathiswa uCapa.
ISebe licele uluntu ukuba lidibane lukhusele abasebenzi bezempilo, lisithi ukuphanga umsebenzi wezempilo emini sisenzo esibi esimele sigxekwe ngumntu wonke.
“Impilo lilungelo elisisiseko elichazwe kuMgaqo-siseko wethu, kwaye akukho mntu unelungelo lokuphazamisa ukunikezelwa kwenkonzo yoluntu ebaluleke kangaka.
“Abasebenzi bezempilo abachaphazelekayo baya kufumana inkxaso yengqondo kwaye banokunikwa ithuba lokuphola ekhaya,” litshilo iSebe.
