19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Kuqhambuke uqhankqalazo eMt Ayliff, kwisithili saseAlfred Nzo, oluqhankqalazo lukhokelisele ekuvalweni kweendlela

Kuvumbuluke uqhankqalazo ngentseni ya ngolwesithathu (20 kweyoKwindla 2024) lokuhanjiswa kweenkonzo kwingingqi yasePhepheni kwisithili saseMt Ayliff nakwi sithili saseAlfred Nzo, oko kukhokelisele ekuvalweni kweendlela . Esi simo sichazwe njengemandundu kwaye sinobu ndlobongela, nto leyo ebangela ukuba abasemagunyeni bathathe amanyathelo akhawulezileyo okubuyisela ucwangco nokuqinisekisa ukhuseleko loluntu.

Amalungu onogada bendlela eziphakamileyo kunye namalungu eKomiti yoKhuseleko loLuntu (CSC) aleqise kwindawo yexhwayelo, apho athe esebenza ngokuzimisela ukususa imiqobo ebekwe ngabaqhankqalazi. Kufunyenwe amatye kunye neentsimbi zokugada kufutshane neGovalele SPS kwindawo yasePhepheni, ngelixa umsele obalulekileyo ufunyenwe ecaleni kwendlela uR394 kufutshane nendlela ejikayo eGxwaleni. Le miqobo ibangele ukuba indlela ingafikeleleki kwaphela, nto leyo ebangele ukuba abasemagunyeni bacebise abaqhubi beemoto ukuba bafune ezinye iindlela.

Ngenxa yolu dushe, abezeThuthi baseMbizana kunye nabeNkonzo zamapolisa zoMzantsi Afrika (SAPS) bakhuphe isilumkiso kubaqhubi beemoto, ingakumbi iilori, bebabongoza ukuba baphephe ukusebenzisa uR394 ngenxa yemiba engekasonjululwa enxulumene nokucandwa kwemida. Ukhuseleko lwabaqhubi zimoto luhleli lungowona mba uphambili njengoko abasemagunyeni bezama ukulungisa oonobangela boqhankqalazo nokubuyisela imeko yesiqhelo kwiindawo ezichaphazelekayo.

Imeko yaseMt Ayliff sisikhumbuzo semicelimngeni eqhubayo ejongene noluntu kwisithili sase Alfred Nzo kwaye igxininisa ukubaluleka kothethathethwano olwakhayo nokusombulula izikhalazo ngoxolo. Abasemagunyeni bayaqhubeka nokubeka esweni imeko ngeliso elibukhali kwaye bamemelela ukuzola njengoko iinzame zokujongana nemiba esisiseko zisaqhuba.

Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks