Home Iindaba Kuququzelelwa imidlalo yebhola ekhatywayo yolutsha kulempelaveki ePorts St Johns.

    Kuququzelelwa imidlalo yebhola ekhatywayo yolutsha kulempelaveki ePorts St Johns.

    Kulindeleke ukuba kubanjwe itumente yebhola ekhatywayo nezakubanjelwa kumabala akwidolophu yasePorts St Johns. Le tumente izakudlalwa ngomhla weshumi elinesihlanu ukuya kumhla weshumi elinesixhenxe (15-17) kule yeSilimela inyanga 2024.

    Yintarhantarha amabhaso kwimidlalo yokukhuthaza ulutsha kwezemidlalo nokuyeka iziyobisi.

    Kulindeleke ukuba kubanjwe itumente yebhola ekhatywayo nezakubanjelwa kumabala akwidolophu yasePorts St Johns. Le tumente izakudlalwa ngomhla weshumi elinesihlanu ukuya kumhla weshumi elinesixhenxe (15-17) kule yeSilimela inyanga 2024.

    ITumente le iququzelelwa ngumbutho ongajonganga nzuzo iAmazing Grace Foundation isebenzisana neSYR FM kwakunye neM.M. Tshozi incorporated Attorneys & Conveyancers.

    Lemidlalo idlalwa ityeli lesithathu (3) kulonyaka emva lokuqala ngonyaka ka-2022 ngeenjongo zokukhuthaza ulutsha ukuba luzibandakanye nezemidlalo kulangingqi yeO..R. Tambo.

    Ngoku ezinye zeenjongo zokuququzelela letumente kukunqanda abantu abatsha ekusebenziseni iziyobisi nokubakhuthaza ukuba bazibandakanye nezemidlalo kwingingqi iO.R. Tambo.

    Kumabhaso alonyaka kuletumente, iqela eliphumeleleyo liyakuhamba nemali engangamashumi amabini amawaka eerandi (R20. 000), lize elibethwe kumagqibela kankqoyi limke neshumi elinesihlanu amawaka erandi (R15.000). Kanti kulindeleke ukuba iqela eliphume kwindawo yesithathu (03) ligoduke neshumi lamawaka eerandi (R10.000) abo izakube ingooxholovane amakhwenkwe amakhulu.

    Letumente izakuqala ngeM.M. Tshozi Inc Top 8 nezakudlalelwa ngabangaphantsi kweminyaka elishumi elinesine (14) ubudala.

    Amabhaso alungiselelwe abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesine (14), eliphumeleleyo lizakugoduka namawaka amabini enamakhulu amahlanu (R2500), lize elikwindawo yesibini (2) limke newaka elinamakhulu amahlanu eerandi (R1500).

    Letumente yebhola ekhatywayo iqala kusasa ngenja ixukuxa ngentsimbi yesixhenxe (07h00) ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kule imiyo inyanga ngoMgqibelo ezintsukwini.

    Asibhozo (8) amaqela azakudlala kuletumente kwabo bangaphantsi kweshumi elinesine (14) leminyaka, kanti ibe ngamaqela alishumi elinesithandathu (16) azakukhuphisana kooxholovane.

    Nantsi imidlalo ezakudlalwa ngamakhwenkwe angaphantsi kweminyaka elishumi elinesine (14), iMisa FC iqubisana neSea Birds FC, ize iNomandi JSS FC idlale neMB Green FC.

    Isomi Boys FC ijongane neQokolweni Legends JNRS, iBayern Academy FC idlale nePort St Johns FC.

    Imidlalo yooxholovane, iBhala Chiefs idlala neYoung Pirates, iTekwini FC inyathelana neNtsimbini United.

    IParis Saint Giants FC ijongane neGolden Touch FC, ize yona iLupapasi United iqubisane neCitizens FC.

    IMthalala Shamrocks Academy idlale neLucky Brothers FC, kuthathane iCamp Tigers CF neBlack Helpers F C, iMbenengeni Red Devils FC yona idlala neMB Rangers FC.

    IMdumazulu Investers FC idlale neShooting Stars FC.

    By Siphiwo Boqwana

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks