Home Iindaba Kuqweshe ibanjwa eCala, lijonge ukuxoxa ityala lalo

    Kuqweshe ibanjwa eCala, lijonge ukuxoxa ityala lalo

    Abecuphi kwiNkonzo yesipolisa bakhangela ibanjwa elisalindele ukuxoxwa kwetyala nekutyholwa ukuba luqhawule elugcinweni lwamapolisa ngokuhlwa kwangoMvulo umhla wama-25 July 2022 malunga nentsimbi yesithandathu(18:00)kwisikhululo samapolisa saseCala, kwiSithili saseChris Hani.

    Ngokweengxelo, amapolisa ebethutha amabanjwa ebuyela kwintolongo yaseSada ngethuba umrhanelwa uConstable Mfundo Ntshiba eqhwesha ngethuba esohliswa kwisithuthi samapolisa. Umrhanelwa uqale wabanjwa, ebanjelwa ukuqhekeza izindle, ukuxhwila(Kidnapping) kwenye yeendawo zaseCala.

    Uvele enkundleni ngoMvulo umhla wama-25 kweyeKhala ngo-2022, kodwa kamva wabaleka emva kokubuya enkundleni. Ityala lokuqhwesha elugcinweni elingekho mthethweni livulelwe yena ukuze aphandwe. Iimeko athe waqhwesha phantsi kwazo umrhanelwa zikwayinxalenye yophando. Abalawuli bamaPolisa baseke iQela eliSebenzayo ukuze lilandele umkhondo, lihambe lize lifumane ipholisa elibalekayo. Uphando luyaqhuba.

    • Kucetyiswa abahlali ukuba bangazami ukumbamba umrhanelwa, nanjengoko kukholelwa ukuba unobungozi, kwaye nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubeni abanjwe kwangoko uyacelwa ukuba aqhagamshelane noSgt Unati Kula ku-0717713316 okanye nasiphi na isikhululo samapolisa esikufutshane.
    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks