22.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Kusafunwa izalamane zowafunyanwa ebhubhile ngo 2023 eKabega Park

Abacuphi benkonzo yesipolisa eKabega Park bafuna uncedo kuluntu ekukhangeleni isalamane sendoda ekwafunyanwa umzimba wayo wonakele ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kuyeThupha ngonyaka ka-2023 eVan Stadens.

Kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanywe ngasentla malunga nomkhono phambi kwentsimbi yeshumi elinambini (11:45) amapolisa aseKabega Park aye ajongana nesikhalazo somzimba oye wakhukuliseka kulwandle lwaseVan Stadens waza wafunyanwa ngumntu obedlula ngendlela. Akuzange kufunyanwe isazisi kuye ngexesha lokubhubha kwakhe kwaye akakaziwa nangoku.

Ukanti ixhoba yindoda ephakathi kweminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) kunye namashumi amahlanu (50) ubudala kwaye yayinxibe ibhatyi emnyama ebhalwe ‘Secure Provision’ kwicala lasekhohlo ngombala obomvu. Umntu obhubhileyo wayenomvambo (Tattoo) ophelelweyo kwicala lasekunene lesifuba sakhe obhalwe ‘ghetto’, ngasemva obhalwe ‘Thug life’ kunye nengalo yasekunene ibhalwe ‘Thuglife 28’.

Iingxelo zidiza ukuba Kwenziwa imibuzo kwindawo ekufutshane kodwa akukho mntu wakwazi ukuncedisa ngobuni bakhe.

Uphando lwavulwa kwaye lusaqhuba. Nabani na onokuthi ancedise ngesazisi somfi uyacelwa ukuba aqhagamshelane namapolisa ase Kabega Park, D/Sgt Deidre Harker ku-063 157 2964 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane okanye athumele iinkcukacha ngeMySAPS App.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
22.2 ° C
22.2 °
22.2 °
40 %
3.6kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks