Home Ezemfundo Kusenzima kwiChiefs ukude ibe iyaphumelela kumdlalo.

    Kusenzima kwiChiefs ukude ibe iyaphumelela kumdlalo.

    Amazulu naMakhosi adlale ngokulingana kumdlalo obuhlinzekwe ngaMazulu phezolo. Amazulu ebewafuna ngamandla lamanqaku mathathu (3), neChiefs ibiwafuna kakhulu, omabini la maqela ajonge kuluhlu lamaqela asibhozo ePSL.

    Lo mdlalo ubudlalelwa kumabala iMoses Mabhida eDurban ngeCawa umhla weshumi elinesibini (12) kuCanzibe. Amazulu neKaizer Chiefs babambene ngelinye inqaku macala (1-1). Kungoku nje Amazulu asekwindawo yeshumi elinesibini (12) benamanqaku angamashumi amathathu anesithathu (33) IChiefs yona inamanqaku angamashumi amathathu anesihlanu (35) kwaye ibuyele kwindawo yesibhozo (8), yaze iPolokwane City yabuyela kwindawo yethoba (9).

    IChiefs ilwela ukuba ibe kuluhlu lamaqela asibhozo (8) kwiPSL. Amakhosi ayeke amathuba amabini (2) ngethuba emane ehamba phambili kwiqela leTS Galaxy ngoLwesibini ngethuba umdlali wabo waphambili uRaga Chivaviro efaka amanqaku amabini (2).

    Ngumdlali odlala phambili nowayesaku dlalela iRoyal AM uVictor Letsoalo ofake inqaku laMazulu, laze elaMakhosi lafakwa nguAshly du Preez.

    UEdmilson Dove, uGiven Msimango noBrandan Petersen bebengekho kwiqela leChiefs ngenxa yokunqunyanyiswa ngamakhadi abomvu. Amazulu azilibazisile ekungeneni kuluhlu lamaqela asibhozo (8) ePSL emva kokudlala ntanganye neStellenbosch ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo, nalapho bebambene ngeqanda macala (0-0).

    Ebengekho kuMazulu uJunior Dion ngenxa yokunqunyanyiswa. Ukhumbule ukuba iChiefs yawabetha Amazulu kumjikelo wokuqala ngamanqaku amathathu kwimbande yesikhova (3-0), nalapho amabini (2) afakwa nguPule Mmodi nowayesa kudlalela abafana besithende, laze elinye lafakwa nguEdson Castilo. UKhune uthathe indawo kaPeterson ofumene ikhadi elibomvu.

    By Siphiwo Boqwana

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks