Home Iindaba Kusweleke abantu ababini kwingozi emasikizi eMpuma Koloni.

Kusweleke abantu ababini kwingozi emasikizi eMpuma Koloni.

ISebe lezothutho eMpuma Koloni lichaze ukubhubha kwabantu ababini kwingozi emanyumnyezi kule mpelaveki.

By Anita Qubula.

ISebe lezothutho eMpuma Koloni lichaze ukubhubha kwabantu ababini kwingozi emanyumnyezi kule mpelaveki.

ISithethi seli Sebe, u-Unathi Binqose, uthi le ngozi yenzeke ngoMgqibelo kuhola wendlela uN2 ngaphandle kwaseMthatha.

Uthe abaqhubi bemoto encinci iToyota Quantum kunye neSedan basweleke bobabini. UBinqose uthi mnye umntu obekwiMini-bus oye wonzakala kule ngozi kwaye usiwe esibhedlele ukuze afumane unyango.

UBinqose uthi kuvulwe idokethi lokubulala ngoku ngenanjongo ukuze kuqhutyekwe nophando.
Amagama abo babhubhileyo awakachazwa.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks