UDingaan Thobela owayesakuba yimbethi manqindi yoMzantsi Afrika jikelele ubeyokukhunjulwa ngexesha lakhe lokudlala amanqindi kweli lizwe naphesheya kolwandle.
Izolo ngoLwesibini umhla wesixhenxe (07) kulenyanga kaCanzibe 2024, bekugxwalwe emswaneni kukhunjulwa iqhawe lezamanqindi uDingaan “The Rose of Soweto” Thobela nowayesakuba yinjinga yehlabathi kwimibutho emithathu eyohlukeneyo nakwimilinganiselo yobunzima emithathu.
Lomsitho wokugxwala emswaneni (memorial service) nobuyindlela yokukhumbula uThobela nokumnika imbeko ububanjelwe e-Hill on Empire eParktown izolo. Izihlobo, izizalwane nabasenyongweni kuye bebeyokuzimasa lo msebenzi. UDingaan ufunyenwe sele ewunabele uqaqaqa kwindawo yakhe eseMayfair eRhawutini kumvulo weveki ephelileyo.
Abaphathi bezamanqindi, abathelekisi, abalandeli, nabahlobo be-The Rose of Soweto babonise ukumhlonipha bmncoma negalelo lakhe emanqindini ngethuba beyokukhumbulu nokunika imbeko kweliqhawe belithandwa ziintlanga ezohlukeneyo. Abanye esinokuba balula bezimase lomsitho ngaba besakuba ziiinjinga zehlabathi uCassious Baloyi kwakunye noBrian Mitchell. Omnye obalulekileyo kwezamanqindi nguRodney Barman ongumthelekisi owaziwayo nohlonitshiweyo kwezamanqindi bezokuthi ndlelantle kweliqhawe.
UBarman uvakalise ukuba uThobela ebiyinjinga edibanise iintlanga ngeentlanga nebeziwuthanda umsebenzi wakhe. URodney ukwathembise ngokumwonga uDingaan ngokwenza ukhuphiswano oluzaku bizwa ngaye noluza kuba namabhaso. UThobela uwushiye lo mhla eneminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe (57) ubudala emva kokukhathazwa yimpilo ixesha elide.