Home Iindaba Kuxelwe ukubhubha kokuqala kuqhambuko lweMpox, ukanti aBane (4) basesibyedlele.

    Kuxelwe ukubhubha kokuqala kuqhambuko lweMpox, ukanti aBane (4) basesibyedlele.

    Kubhubhe umntu omnye kwaye abahlanu (5) basesibhedlele njengoko uMzantsi Afrika kungoku nje ujongene nokuqhambuka kweMpox, eyayisaziwa njengeMonkeypox.

    Kubhubhe umntu omnye kwaye abahlanu (5) basesibhedlele njengoko uMzantsi Afrika kungoku nje ujongene nokuqhambuka kweMpox, eyayisaziwa njengeMonkeypox.

    Esi sifo singqinwe nguMphathiswa wezeMpilo uGqirha Joe Phaahla ngethuba ethetha noonondaba ngoLwesithathu.

    Ngomhla wesibhozo (08) kuCanzibe, isigulana esiyindoda esineminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala safunyaniswa sinalo usulelo lwentsholongwane eRhawutini kwaye kwiiveki ezimbini emva koko kwafunyaniswa ukuba kukho onayo eThekwini.

    Indoda enamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala eyafunyaniswa inentsholongwane yeMpox ngomhla wesixhenxe (7) kweyeSilimela yabhubhela kwisibhedlele saseThembisa ngoMvulo.

    Umphathiswa uPhaahla uthi kukho ezinye iimeko ezine eziqinisekisiweyo zelebhu kweli lizwe, enye iseRhawutini, ze ezintathu zibekwaKwaZulu Natal. Uthi ngokwezikhokelo zoMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO) iimeko zihlelwa njengeziyingozi kwaye zonke izigulana ngoku zinyangwa esibhedlele.

    ISebe lezeMpilo lihlabe ikhwelo kwimibutho esebenza kwiinkqubo ze-HIV ukuba iphumeze unxibelelwano olujoliswe kuyo ukuqinisa ulwazi malunga nokuqhambuka kunye nokosulela kwesi sifo.

    IQela leeNgcali zokuPhendula kwiingcali zeSebe, amaphondo, i-NICD, i-WHO kunye nabanye abachaphazelekayo kwicandelo lezempilo liqalise ukulandelela uqhagamshelwano kunye nokufumanisa iimeko kumaphondo achaphazelekayo.

    Bangamashumi amathathu anesibhozo (38) abantu abachongiweyo KwaZulu-Natal ngamaqela ajongene noqhambuko. Kweliqela labantu kubabandakanywa abantu abosulelwe ezindlini abalishumi elisithandathu (16), abantu abosuleleke esibhedlele abalishumi (10), amaqabane abelane ngesondo kunye nabahlobo abasixhenxe (7).

    Eli Sebe lithi elinye lamatyala libonise ukuba labelana ngesondo namaqabane amaninzi aquka amadoda nabasetyhini.

    UNYANGO.

    Okwangoku, alukho unyango olubhalisiweyo lweMpox eMzantsi Afrika. Nangona kunjalo, i-WHO incoma ukusebenzisa iTecovirimat (TPOXX) kwiimeko ezinzima.

    ISebe lifumene i-Tecovirimat ngeCandelo lamashumi amabini ananye (21) imvume ye-SAPHRA ngokusetyenziswa kwemfesane kwizigulana ezihlanu ezaziwayo ezinezifo ezimandundu.

    Ezithathu kwezihlanu iimeko ziye zafikelela kunyango lwe-Tecovirimat njengoko kukhuthazwa yi-NICD. Ichiza lifunyenwe ngokweCandelo lamashumi amabini ananye (21) kunye nenkqubo yokuvunywa kwe-SAPHRA, kwaye linikezelwe yi-WHO.

    I-SAPHRA iye yaphumeza isicelo semfumba encinane yeTecovirimat eza kuxhaswa yi-WHO njengomnikelo.

    INTSHOLONGWANE.

    Ngo-2022, xa i-Mpox yabhengezwa njengengxakeko yezempilo yehlabathi jikelele, i-98% yezigulane yayingamadoda alala namadoda. Intsholongwane inokusasazwa ngokusondelelana nabanye abantu njengokuwola, ukuncamisa kunye nokwabelana ngeetawuli ezingcolileyo okanye ibhedi.

    Esi sifo sisasazwa ikakhulu ngokwabelana ngesondo kwaye sibonisa njengesigulo esibukhali esibonakaliswa ngumkhuhlane kunye neempawu ezifana nomkhuhlane.

    By Anita Qubula.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks