Home Iindaba Kuxhwilwe uMvangeli waseMazweni eGqeberha.

Kuxhwilwe uMvangeli waseMazweni eGqeberha.

“Sithandazela nje ukuba abuye ekhuselekile,”

By Asemahle Mbete.

UJosh Sullivan kutyholwa ukuba uxhwilwe ngorhatya lwangoLwesine (10) Tsahzaimpuzi 2025, ngethuba enikela intshumayelo kwiBandla lamaBhaptizi e-Motherwell, kwiSitalato iMambalaza Street, NU10, eMotherwell malunga nentsimbi yesixhenxe (19:00) ebusuku.

ISithethi sosapho uJeremy Hall uthe ngentsasa yangoLwesihlanu (10) Tshazimpuzi 2025, inkosikazi yakhe nabantwana babo bebesecaweni ngethuba kusenzeka esi sehlo kodwa ngethamsanqa basinda bengenawo nomkrwelo.

“Bebelazi igama lakhe,” utshilo uHall.

“La madoda angene ecaweni aqala ambamba uMeagan oyinkosikazi kamfundisi ngasemnyango ngaphambi kokuba athi ‘Josh ngumfazi wakho lo.”

“Bamtyhalela phantsi bathatha uJosh phambi kokuba babaleke naye ngemoto yakhe.”

“Imoto ifunyenwe kumgama oziikhilomitha ezimbalwa emva koko.”

Usapho lusakhwankqisekile ngesi sehlo nanjengoko bekungekabikho zimpawu zilumkisayo phambi kwesisehlo sangoLwesine ebusuku kwaye bekungekabikho mfuneko yentlawulelo ukusukela lo mini.

“Sithandazela nje ukuba abuye ekhuselekile,” sitshilo isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthi lo mfundisi oneminyaka engamashumi amane anesihlanu ubudala uxhwilwe ngamadoda amane exhobile ezigqume ubuso.

Abarhanelwa bathathe iiselfowuni ezimbini emva koko bathatha umfundisi oyindoda oneminyaka engama-45 ubudala babaleka kwindawo yexhwayelo ngemoto yomfundisi.

“Imoto yesilivere ye-Toyota Fortuner yafunyanwa emva kwexeshana eMotherwell.”

Uthe ityala lokuxhwila nokukhuthuza kuxhotyiwe livuliwe yi-SAPS e-Motherwell kwaye liyaphandwa.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks