20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Kuyaqhubeka kuzingelwa amadoda anemipu abulala amadoda amane eMpuma Koloni

Amapolisa aseMpuma Koloni akhangela abadubuli abadubule babulala amadoda amane kwingingqi yaseUgie ngobusuku bangoMgqibelo.

Isithethi samapolisa, uLt Col Siphokazi Mawisa, uthi amaxhoba ebeqhuba imoto yohlobo lweToyota Avanza kwindawo yaseNtokozweni ngethuba isithuthi sihlaselwa ngoombayimbayi kunye nemipu.

Uthi amadoda amane aneminyaka ephakathi kwamashumi amathathu anesihlanu (30) ukuya kumashumi amathathu anesihlanu (35) ekukholelwa ukuba ngawase-Engcob, abhubhele kwindawo yexhwayelo.

UMawisa uthe unobangela wohlaselo awukaziwa kwaye ityala lokubulala liyaphandwa.

Ukwathe amapolisa nawo acela uncedo ekuchongeni abafi.

Umkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uNjengele Nomthetheleli Mene ulugxekile olu hlaselo “njengebubudenge”, ecela uluntu ukuba luze ngaphambili nalo naluphi na ulwazi olufanelekileyo.

Nabani na onokuthi akwazi ukuncedisa makatsalele umcuphi uSajini Mzwabantu Baphi kule nombolo 083 510 7836/ 047 548 5815 okanye atsalele inombolo yeSAPS Crime Stop 08600 10111

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks