Kuyavotwa kunyaka ozayo kwaye noTshawe ujonge enkalweni elinde ukuvotelwa.
Owayesakuba ngumdlali weqonga kumabonakude uVusi Thanda, nowaziwa kakhulu ngoTshawe waseMzini wezintsizwa uzifake kugqatso lokuvotelwa njengenkokheli yeqela lezopolitiko enokuphatha iMpuma Koloni.
LokaThanda, simbone ejinga kukuxhonywa kumakhasi ezonxibelelwano njengomgqatswa onokuphatha eliphondo eyiNkulubaphathiswa ukuba iqela lakhe lingaphumelela. Oku kubhalwe ngokusesikweni liqela elivuk’engceni iAfrican Movement Congress nanjengoko imnyule ukuba abengumgqatswa ophambili.
Ukanti uluntu, lusabambe ongezantsi kambe abanye bexakiwe kukothuka elinyathelo litsha nelithathwe ngulomdlali weqonga lokungena kwipolitiki. Kudliwano ndlebe ebenalo uThanda nonondaba bamajelo osasazo, uthi kudala wabanomdla kwipolitiki kodwa engacingi ukuba angangena. Nangona kunjalo uthi iMpuma Koloni iyasoloka kwezemfundo noqoqosho. Ezo zizinto iofisi yakhe athi izakuqubisana nazo.
Kananjalo, ukwathe intsokolo yakhe ngemali yinto eyadlulayo, ngoku ufuna ukuhoya oku akubizelweyo yiAMC.
Inene u2024 ubonakala ukuba uzakubangunyaka omkhulu ngenene. Amasi abekw’elangeni umphokoqo unexhala
