Home Ezemidlalo Kuzakudlana iintsimbi kumdlalo wendebe eGqeberha ngomso

    Kuzakudlana iintsimbi kumdlalo wendebe eGqeberha ngomso

    Kuzakuba mdaka iisali xa kuzakube kuqebesene ebezikade zizondana, kuzakube kusithiwa qhude maniki-niki zindala zombini kube kusaziwa ukuba azigqubi ebuhlanti iinkunzi ezimbini, loo nto ithetha ukuba kufuneka kwaziwe ukuba ngeyiphi ekhonyayo, kufuneka nakanjani kubekho ezakugoba uphondo.

    Ngomso umhla wesine(04) kuCanzibe ngomgqibelo ezintsukwini silindele umdlalo ozakube uvutha amalangabi phakathi kweChippa United neOrlando Pirates kumabala iNelson Mandela Bay. Lo ngumdlalo omkhulu wendebe yakwaNedbank kwisigaba samandulela kamagqibela kankqoyi nekulindeleke ukuba kutake iintlantsi.

    Ukhumbule ukuba iPirates ngamandwendwe eMpuma Koloni izakube indwendwele abahlinzeki iChippa. Amabhakaniya agqibele kudala ukuphulukana nomdlalo kwa ukudlala ngokulingana, aphumelela oko amabhakabhaka kunjalo nje ayawafaka kakhulu amanqaku emnatheni kunjalo nje benza izinto zamehlo.

    Iqela lalapha eMpuma Koloni iiChilli Boyz zona bezikade zizimisele ngohlobo ezimnyama ngenkani ezenza ngayo kodwa kutsha nje kwimidlalo emibini edlulileyo iye yafumana isibhaxu, nanguku phakathi evekini bohlulwe yiSwallows ekhaya ngethuba bebethwa ngamanqaku amabini kwelinye(2-1).

    Nangona iOrlando Pirates uphumelela oko kwiDSTV Premiership kodwa ngoku sithetha ngendebe nantoni ingenzeka njengokuba abalandeli bebhola ekhatywayo beyazi ukuba umdlalo wendebe unezimanga wothusa abaninzi. Ngokuqinisekileyo ngomso sibukela oompondo zihlanjiwe kwibhola ekhatywayo.

    Ngokuqinisekileyo ngomso kuzakucaca oomama ukondla, yingwe nengonyama zizakube zingquzulana, amasi wona azakube ebekwe elangeni umpokoqo uzakube uhleli ngexhala.

    Ezinye zezinto ezinokuba ngumceli mngeni kwiChilli Boyz ingangabadlali abanqunyanyisiwe nabafumene ukonzakala phambi kwalomdlalo babe bengazukwazi ukubakho kulimdlalo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks