Isikolo iWilo Technical siza kuvulwa ngokusesikweni ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesine (24) KuCanzibe yiNkulumbuso yePhondo uOscar Mabuyane kunye noMphathiswa nomphathiswa wezimfundo eMpuma Koloni uFundile Gade eMqanduli.
Esi sikolo saphunyezwa ziiNdlela neMisebenzi yoLuntu sakhiwa yiTewo Building kunye neCivil Constructors ngexabiso eliqikelelwa kumashumu asixhenxe anethoba ezigidi zerandii (79 million) Ukanti zisibhozo (8) ii-SMMEs ezixhamlileyo kwaye enye kuzo yeyowasetyhini.
AmaShumi amaHlanu anesiBhozo (58)oqesho lwengingqi lwenziwa ngoko konyusa uqoqosho lwe-Wilo. Kuxhamle abane (4)kulutsha olungaphangeliyo kwinkqubo yoqeqesho lwabathweswe izidanga kunye nabaseNkonzweni.
