Home Iindaba Kwandile kutsha nje ukuxhwilwa kweemoto eGqeberha

Kwandile kutsha nje ukuxhwilwa kweemoto eGqeberha

Icandelo eliphanda ngokuqweqwesiswa kweemoto i-Vehicle Crime Investigation Unit (VCIU) eGqeberha lixhalabile ngokubiwa kwezithuthi, ingakumbi kwiindawo ezifana neendawo zokujima, izikolo, neeyadi zokuhlala.

Kule veki iphelileyo ukusukela ngomhla wesibhozo ukuya kumhla wamashumi elinesithathu (8-13 May) KuCanzibe, ubuncinane izithuthi ezintandathu ziye zabikwa njendezibiweyo phantsi kweemeko apho abaqhubi bebengekho kwisithuthi. Kwisiganeko esinye kuphela, umqhubi uye waqweqwediswa imoto eKwazakele. Ngelixa zimbini kwezi zithuthi sele zifunyenwe, kuyabonakala ukuba abenzi bobubi basebenzisa iindlela ezintsonkothileyo, eziquka ukusebenzisa izixhobo ezinekhompyuter, ukudlula iinkqubo zokhuseleko kwaye babe ezi zithuthi.

Iimoto ezimbini kwezi zifunyenweyo zafumaneka eZwide nanjengoko zazifakelwe isixhobo sokulandelela (Tracking Device). Iinxalenye zezi nqwelo zazisele ziqhaqhwa. Amapolisa akholelwa ukuba abarhanelwa bebekhangela (i-Tracker).

Nangona kubiwa iimoto ezindala ezifana neeveni, iMazda 323, Toyota Conquest kunye neVW Polo, amapolisa aqaphele ukuba ezona moto ziphucukileyo ezifana neToyota Fortuner kunye neDakar Hilux kutshanje nazo zisemngciphekweni wokutgathwa. Iindawo ezixhalabisayo yiHumewood, Walmer kunye neMount Road.

Ngenxa yezi ziganeko, amapolisa abongoza abanini-zithuthi ezibiza imali eninzi ukuba balumke ngakumbi kwaye bathathe amanyathelo abonakalayo okukhusela izithuthi zabo. Bekwacebisa abaqhubi ukuba bacinge ngokufaka iimpawu ezongezelelweyo zokhuseleko ukunqanda iinzame zobusela.

Amapolisa abongoza nabani na onokunceda kuphando lwawo, angaqhagamshelana noD/W/O Jacques Joubert ku-071 362 8690 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks